- Iliso liwela umlambo uzele: Ukunqwenela into ongekhe ukwazi ukufikelela kuyo.Kaloku nokuba umlambo uzele iliso liyakwazi ukubona ngaphesheya kwawo, kodwa awukwazi kufikelela ngomzimba ungathanga uwele kula manzi azalise umlambo. Ukuba ude wazincama wazama ukuwela usenokukhukuliswa ngumsinga wamanzi ungabi sayakufika kuloo ndawo ibibonwa liliso.
- Ukurhalela ihleza ungenamazinyo: Ukuba nomnqweno wokwenza into engaphaya kwamandla akho
Amaqhalo ngeminqweno
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso