Singasoloko siphupha ngamanzi, kuba amanzi yinxalenye ebalulekileyo yobomi bethu. Apha sijonga indlela yokutolika amaphupha ethu malunga namanzi ngokuthi sihlalutye uphawu lwenkcubeko, kunye nendlela edibana ngayo neemvakalelo kunye nezenzo zethu. Kwaye kubalulekile ukwazi ukuba ezi nkcazelo zingezantsi apha zinokwahluka ebantwini kodwa ke zizezixhaphakileyo. Ukuze ufumane intsingiselo ethe ngqo ngephupha lakho kwanento ekufuneka uyenzile, dibana nomntu okwaziyo ukulawula amaphupha ukuba unakho.
Ukuphupha usela amanzi amdaka kungathetha ukoyika ukugula, ukuqhubeka nokugula, okanye olunye ungcoliseko lomzimba nengqondo.
Ukuphupha urhaxwa okanye uginywa lulwandle olundlongondlongo kusenokubonakalisa inkxalabo, uloyiko, okanye imvakalelo yokonganyelwa yimikhosi yangaphandle. Usenokuba unoxinzelelo oluninzi emsebenzini, kubahlobo kunye/okanye kwizihlobo zakho.
Ukanti ke xa uphupha uphefumlela ngaphantsi kwamanzi oko kusenokuthetha ukuba unomnqweno okanye isidingo sokhuseleko, kunye nenkululeko kuxanduva ojongene nalo.
Ngamanye amaxesha ukuphupha unxanelwe amanzi kunokuthetha ukuba uziva usilela ebomini – oko kusenokuba ngumsebenzi, impilo, ubudlelwane nokunye.
Ukuphupha uwela emanzini kungabonakalisa ukuphelelwa lithemba, ukuzisola ngeempazamo ozenzileyo, kunye neziphumo ezinokuvela zimbi.
Ukuphupha utshizwa ngamanzi kungathetha ukuba uyalunyukiswa ngendlela oziphethe ngayo. Kwaye ingasisilumkiso sokuba kumele ulungise iingcinga zakho uyeke ukuzincama okanye ukuzixokisa ngaphambi kokuba ube sengxakini.
Ukuphupha uphosela abanye abantu ngamanzi kungabonakalisa ukuqala kokudubuleka ngokweemvakalelo, okanye isidingo sokuvakalisa iimvakalelo.
Ukanti ukuphupha uphoselwa ngamanzi ngomnye umntu kunokubonakalisa ukuba kukho umntu onomsindo awujolise kuwe.
Kutsho ukuthini ukuphupha imvula ingena ngephahla
Molo Pelisa,
Ulwazi esinalo malunga namaphupha ngemvula afumaneka kwezi links zilandelayo.
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngemvula/
https://iafrika.org/xh/tag/imvula/
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngendlu/