- Gcina iintwala zakho: Musa ukusukela izinto zabanye abantu zibe ezakho zisonakala.
- Gcina oonomoyi bakho: Musa ukusukela izinto zabanye abantu zibe ezakho zisonakala. Oonomoyi ngamaqanda entwala. Xa unonomoyi bekubonakala ngokuba mhlophe encamini yeenwele kanti ngamagqagqana amhlophe angamaqanda eentwala. Xa umntu eneentwala, ngakumbi abantwana abangachetywayo iinwele, bekubonwa ngabo oonomoyi. Abanye abantwana ke bebezoyikisela ukuthi nca, okanye ukuthiwa nca, ngumntwana ononomayi ngoba uzakumesulela ngeentwala.
- Gcina iintakumba zakho: Nonophela izinto zakho uyeke ezabanye.
- Imbovane iyalithwala inyiki: Umntu unako ukumelana nomthwalo ekufuneka ewuthwele. Musa ukuzidela ukuba awunako ukwenza into ethile.
Izaci ngokuzimela
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso