Izaci ngokulumnkisa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ikhaba alithenjwa: Lindela isiphumo sento ngaphambi kokuba uqiniseke ngayo. Ikhaba sisityalo sombona esiselula nesingekadubuli nokudubula, okanye esingekaphumi ntshatshoba. 
  • Ukugqogqa iindlebe: Ukuxelelisisa umntu kuloo nto ufuna ayiqonde. 
  • Ukungqiniba: Ukuvalela umntu ukuba angathathi nxaxheba kumcimbi oxovulwayo. Ukulumkisa umntu kwinto ebengayiqapheli ukuba inengxaki. 
  • Ukufinyeza umbhinqo: Ukuphaphama, wenze izinto ezifanelekileyo ngexesha unako ukwenza oko. Umzekelo: UMpumelelo akaqhubanga kakuhle kwiimviwo zentwasahlobo. Kwakufuneka afinyez’ umbhinqo ukuba ujonge ukuphumelela ukuphela konyaka.
  • Ungachatshazelwa ligazi: Suka kwindawo enobungozi hleze ikuchaphazele. Musa ukungena into ezakuphendulisa ibe ingakufuni. 
  • Vuka emaqandeni: Phaphama. 
  • Ukuqoshelisa umsila: Ukunika ingqalelo kwinto oyenzayo ukuze ungaphoxeki kukungafezekiseki kwayo. Ukulumnka ukuze ungangeni engxakini. 
  • Uyakuhlekwa naziintaka: Ukwenza into engafanelekanga nezakwenza uphoxeke de ubeyintlekisa nakuthathatha. 
  • Wogawul’ ubheka: Ubokulumka xa usenza into hleze ikujikele. 
  • Uyakumpela ung’ong’o: Uyakuphoxeka kuloo nto uzama ukuyenza. 
  • Ukuvul’ amehlo: Ukulumkisa. 
  • Ukuvundla: Ukuphaphama okanye ukulalela

Leave a Reply