- Ukujik’ imibombo: Ukubuyela apho ubuvela khona. Umzekelo: Noko kudala silapha, ingathi sekufike ixesha lokuba sijik’ imibombo ngoku.
- Ukuva endleleni: Ukuhamba usuka kuloo ndawo ubukuyo.
- Ukuya kwantliziyo ndise: Ukuya kwindawo iingcinga zakho zithi yiya khona nokuba loo ndawo awuyazi kwaye akukho nabantu obaziyo abakuloo ndawo. Umzekelo: Ndiyahamba ndiya kwentliziyo ndise kunokuba ndinyamezele le meko ndiphila phantsi kwayo.
- Unyawo alunampumlo: Ungabokwenza into embi kumhambi hleze ngeny’ imini uyokugaxelela kwindawo yakhe, Umzekelo: Ayilunganga le ndlela niphatha ngayo aba bantu baseLatakishe, kanti ngeny’ imini nakuze niye khona njengokuba nicing’ ukuba niphelele apha. Unyawo alunampumlo.
- Unyawo lwambeth’ indlela: Umntu othanda ukuhamba.
- Iinyawo zinodaka: Sendivela kule ndawo kuthethwa ngayo.
- Ukuthi saa iinzwane: Ukuzula ungenanjongo.
- Ukuhamba kukubona: Xa uhambele ezinye iindawo kukho izinto ezintsha ozifundayo.
- Inja yomoya: Umntu ongenasikhundla.
- Ukwenza owekati (umtsi): Ukukhawuleza ukuya endaweni.
- Ukuzifaka amathole: Ukufuduka.
- Udle inqina lehagu: Uyarhaqaza.
- Imbabala yolwantunge: Umntu ongabambekiyo, osoloko esendleleni kwaye osoloko engekho kwindawo enye. Ulwantunge lihlathi elikhulu elishinyeneyo.
- Ukwenza owenkawu: Ukukhawuleza ukuya kwindawo oya kuyo. Ukuwenza mafutshane xa uthetha.
- Iphalandlela: Umntu ozulayo ongenandawo yokuhlala isisigxina.
- Ukucel’ indlela: Ukucela ukukhululwa ukuba uhambe kuloo ndawo ubuhambele kuyo.
- Ukuthath’ indlela: Ukuba seluhambeni.
- Ukuv’ endleleni: Ukusuka kuloo ndawo ubukade ukuyo.
- Akuyi lubuyayo: Kwindawo apho umntu athi xa eye kuyo kubenzima ukuphinda abuyele apho ebevela khona.
- Ukuba nguqelezana: Umntu ongenasigxina sakuhlala endaweni, esoloko efuduka.
- Ukuchopha phezu kweengubo: Ukungazinzi. Usoloko ulungele ukwenza umsebenzi olandela lowo ubuwenza. Ukungabi nasikhundla.
Izaci ngokufuduka nokuhamba
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso