- Waphutshuluka umsila wembulu: Yavela into ebikad’ ifihlwa.
- Inja ibuyele emhlanzweni wayo: Umntu obesele eguqukile ubuyela kwizenzo zakhe zobugwenxa.
- Indoda engenankomo ayibazi ubuhlanti: Umntu akakwazi ukumisa ngento angenayo.
- Ingcwaba lenkomo lisesiswini: Inyama ayilahlwa. Into enokusetyenziswa kumelwe ilondolozwe.
- Oxhel’ eyakhe akabuzwa: Umntu ozisebenzela nzima makangaxoxiswa.
- Inkunzi ayikhabi zibayeni zibini: Akukho mntu ulawula kuzo zonke iindawo okanye kuyo yonke imizi.
- Deda mhlangan’ endaweni yenyhwagi: Sukela umntu endaweni efanele yena, ngakumbi umntu omdala. Kuthiwa inyhwagi nomhlangana ziintaka ezimbini ezibufanarha, zohluka nje ngeempawu ezincinci. Ziyathanda ukulwa apho zidibene khona kodwa, umhlangana lo uyoyiswa yinyhwagi kangangokuba ithi iseza inyhwagi ube sewudeda umhlangana.
- Izindl’ ukutsha: Sukela umntu endaweni efanele yena, ngakumbi umntu omdala kunawe. Le yithetho esetyenziswa ngamadoda abe esekele kwizilimela zomnye komnye.
- Isityebamva sinqol’ intaba: Le ntetho isingiselwe kumntu obefudula ehlupheka encedwa ngabantu athi akulungelwa achasele kubo, abe nekratshi.
- Inkungu ilala kwintaba ngentaba: Isimo esibi asehleli umntu omnye, namhla ndim ngomso ngomny’ umntu.
- Ukwakha intaba ngesiduli sentuku: Ukuthi into ingento usuke uyenze nkulu.
- Akukho nto intsha phantsi kwelanga: Yonke into eyehlayo yayikhe yenzeka ngaphambili.
- Utsibe ilitye likaPhungela: Ukuqaqadeka.
- Amanyal’ enyoka ukukhwel’ emthini ingenanyawo: Ukwenza into ekungalindelekanga ukuba ungayenza kwaye engamkelekanga ekuhlaleni.
Umzekelo: Inene ngamanyal’ enyoka ukutshutshuzisa abantu ngesibulala zinambuzane ngelithi uyabaphilisa
- Amaxoxo angeze avume unonkala adude: Umbhodamo wento engenamkhondo.
- Uhluza imbuzane uginye inkamela: Ukukhathalela izinto ezingenamsebenzi ze angazihoyi ezingundoqo.
- Undwebe okwentwala yesikhaka: Umntu ondwebe ngokugqithisileyo nalapho amele ukuzibumba khona.
- Ingcwaba lendoda lisecaleni kwendlela: Hlala ulungele ukumelana nayipha na into enokwenzeka.Mandulo phaya, zisanqongophele iinqwelomafutha, abantu babehamba ngeenyawo ukusuka ezilalini ukuya kwiidolophi ezikude ngelokuyakufuna umsebenzi. Kuthiwa kwakuhanjwa iintsuku, mhlawumbi iiveki neenyanga ukuya apho, kuxhomekeka ukuba ikude kangakanani na loo dolophi. Bekuthi xa kuhlwile kudingeke ukuba balale emathafeni, okanye bebecela indawo yokulala emizini ukuba bahlwelwe bekufutshane nemizi. Ebebakhona ke amaxesha okuba mntu uthile asuke agule isiquphe, mhlawumbi ade asweleke. Abo ahamba nabo bebengenakumbi abanokwenza ngaphandle kokuba bamembele ingcwaba ecaleni kwendlela le bayihambayo, bamgcwabe kwelo ngcwaba.
- Iqili loyiswa ngamanye amaqili: Abantu abazimilo zifanayo bazana bodwa.
- Akukho nto ifihlakala kuphele phantsi kwelanga: Nokuba into ingafihlwa kodwa ngeny’ imini izakuvela.
- Umanxiwa akamili mbuya: Umntu ongahlali ndawonye, nokuba kusekuhlaleni okanye emsebenzini.
- Ukuzenza akufani nokwenziwa: Awunakusola omny’ umntu ngeziphumo zezenzo zakho.
- Ulizinyo eliqaqambayo: Umntu onokoza efuna into komnye umntu nokuba selelandula.
Umzekelo: Kutheni na Dlomdlayo waske walizinyo eliqaqambayo kum? Kunini ndikuxelela ukuba awuzukuyifumana imali yokutheng’ utywala? Awuzukuyiva nokuba ungaguqa ude ukhuthuk’ amadolo.
- Ukudlala ngekhuba kuziliwe: Ukwenza into engahambelani nokulindelwe ukuba ukwenze. Kaloku xa kukho umntu oye wasutywa kukufa ekhayeni ezilalini, zonke izinto ezingumsebenzi ebezisenziwa ziyanqunyanyiswa. Nokulima oku bekungaqhutyekekwa ngako. Nokuba besekusiliwe ukulungiselela umcimbi othile wekhaya, bebuchithwa obo tywala, bebungaselwa, ubekelwe elinye ixesha naloo mcimbi.
- Ukutshila ngesidanga somny’ umntu: Ukwenza into ekungamelwanga ukuba yenziwa nguwe, uyenze eyakho.
- Ukuxhentsa ngesidanga seny’ indoda: Ukwenza into ekungamelwanga ukuba yenziwa nguwe, uyenze eyakho.
- Ukugcina iintonga emgqubeni: Ukuxhobela imeko engekenzeki ukuze ukwazi ukumelana nayo.
- Ukuxutha intlaka emlonyeni: Ukubandezwa into obusele usececini lokuyifumana.
- Qabu unoqolomba efile nje: Kuhle idlule into ebisoyikeka.