Amaqhalo ngamakhaya okanye imizi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Imizi ayifani, ifana ngeentlanti kuphela: Abantu abafani, ngesimo nangentlalo.
  • Kungafa intak’ enkulu amaqanda ayabola: Kuthi kwakusweleka abazali abantwana bangabi namntu wokuboluleka, babakhokele bade benze izinto ekungamelanga ukuba bazenze.
  • Kungafa isikhukukazi amantshontsho aba lilifa likakhetsha: Xa kungasekho bazali abantwana baba sisisulu sokuxhatshazwa.
  • Ziyadakas’ iimpuku, ikati ayikho: Xa engekho umntu omdala abantwana benza nantoni na abathanda ukuyenza. Xa umphathi engekho abasebenzi benza unothanda.
  • Akukho ndlela ingayi khaya: Zininzi iindlela zokwenza into enye.
  • Umkhonto ugwaz’ ekhaya: Ujikelwe bububi ebebukhuthaza.

Leave a Reply