Ukutya emaphupheni kunokubonisa izinto ezahlukeneyo. Ukutya kungafuzisela ubutyebi, ukuchuma, ukonwaba. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba ukhumbule iinkcukacha zephupha lakho, ingakumbi iinkcukacha ezinxulumene nokutya okuphuphileyo.
Amaphupha angokutya angahlala efuzisela indlela yethu yokuphila kunye nokwalamana kwethu. Kananjalo, uhlobo lokutya ophuphe ngako lunokubaluleka ngoku kodwa kuwe kwaye ke lunganentsingiselo ekhethekileyo ebomini bakho.
Ukuba uphuphe usitya ungxamile, iphupha elinjalo linokubonisa ukungabikho kwengqwalasela emandla kwindlela owenza ngayo izinto. Ukuba wabelana ngokutya nabanye ephupheni, oko kunokukubonisa ukuba uziva ngathi unemilinganiselo ethile oza kwabelana ngayo nabanye abantu.
Ngamanye amaxesha amaphupha malunga nokutya anokuba ngumyalezo ovela emizimbeni yethu ingakumbi ukutya esikusweleyo emizimbeni kwethu.
Ukuphupha itafile egcwele ukutya
Ukuba uphuphe itafile igcwele ziintlobo ngeentlobo zezidlo, elo phupha lungaluphawu oluhle, oluhlala lunokubonisa ulonwabo kunye novuyo olulindele wena kungekudala. Eli phupha lidla ngokuba sisibhengezo seendwendwe ezininzi eziza kukutyelela kungekudala. Ngamanye amaxesha eli phupha likwabonisa isigulo onokuba naso kungekudala.
Ukuphupha usitya ukutya okunetyhefu
Ukuba uphuphe usitya ukutya okunetyhefu, elo phupha linokuba ngumyalezo wokwazisa ezinye zezinto ezimbi ebomini bethu, ekufuneka sizilahle. Izinto ezingafana nokuziphatha okungalunganga, imikhwa okanye ubudlelwane obubi.
Ukuphupha usitya ukutya
Ukuba uphuphe usitya ukutya, elo phupha lungaluphawu lwezinto ezincinci ezicaphukisayo okanye imiba emincinci ongadinga ukujongana nayo kungekudala. Ukuba abanye bebesitya ukutya ephupheni lakho, elo phupha linokubonisa ukuba unako ukwenza utshintsho ngendlela elula kwindlela ophila ngayo, into enokuba ngunobangela womdla owongezelekileyo ekuphileni.
Ukanti ke kumazwe amaninzi ase-Afrika kukholeleka ukuba, xa uphupha usitya ephupheni sukube ekho lowo uzama ukukutyisa ityhefu ukuze akubulale okanye ugule. Xa kuthe kwenzeka njalo ke abantu abaninzi baye bacebise ukuba uvuke uphalaze ukukhupha loo tyhefu okanye elo dliso. Kwakhona, ukuphupha usitya ukutya neendwendwe zakho kunga ngumqondiso ombi, osenokukubonisa ukugula kunye nelishwa elinokuthi ugagane nalo kungekudala.
Ukuba uphuphe usitya ukutya okungenancasa, elo phupha lidla ngokuba luphawu lwento embi. Lingabonakalisa ukuziva unomsindo okanye udanile ngenxa yento ethile. Ngamanye amaxesha kunokuba luphawu lokugula kwakho okanye komntu osenyongweni kuwe.
Ukuphupha ungenakutya kwaneleyo kungasisilumkiso emzimbeni wakho ukuba ukutya okutyayo akunazondlo zaneleyo okanye ezikufaneleyo.
Ngamanye amaxesha ungaphupha usitya kuba uleli ungatyanga, mhlawumbi bekungekho ukutya, nto leyo ke ingathetha ukuba maxa wambi siphupha ukutya esikurhalelayo.
Uma uphupha kudliwa kulabantu Abanengi kutshoni ..lami ngisidla nginikezla labantu itiye…tea
Molo Sinikiwe,
Ulwazi esinalo ngamaphupha ngokutya ungalufumana kweziilink zingezantsi.
https://iafrika.org/xh/tag/ukutya/
https://iafrika.org/xh/tag/iti/
Molo SInikiwe,
Enkosi ngale comenti LAndela le linki ufunde ngokutya emaphupheni: https://iafrika.org/xh/?s=ukutya
Xa uphupha umntu esitya inyama ekrwada ithini
Molo Vuyokazi,
Fumana ulwazi esinalo oludingayo kwezi links zingezantsi.
https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngenyama-ekrwada/
https://iafrika.org/xh/tag/inyama/