Amaxesha amaninzi ukuphupha ngeziqhamo kukholeleka ekubeni kubekho uphuhliso oluzayo futhi kubekho neziphumo ezihle ezilindelekileyo. Ixesha elininzi ukuphupha iziqhamo kungathetha into entle. Kodwa intsingiselo ijika ibe mbi xa isiqhamo sibonakala singekavuthwa, sityumkile, sonakele okanye singenakutyiwa. Amaphupha angathetha izinto ezahlukeneyo, ezi zingezantsi ayiko kuphela kweentsingiselo zamaphupha angeziqhamo.
Xa uthe waphupha iziqhamo ezikhulu ezivuthiweyo nezihle okanye ezibukekayo, oko kuthetha ukuba ukhona oza kongeza ngobomi kusapho. Ukutsho oko kukho lowo uzithweleyo okanye wena mntu uphuphayo ukhulelwe. Kusenokuba ngumhlobo wakho, umntu osebenza naye okanye isizalwane. Kusenoba ngumntu osondeleyo kuwe okanye ongasondelanga kuyaphi.
Ukuphupha usitya iziqhamo ezitsha kunganentsingiselo yesiqinisekiso kwizinto zakho kwakunye nempumelelo yakho. Kwelinye icala, ukuphupha usitya kuthetha ukuba udinga amandla, ukomelela kunye nomdla wokujongana nenxalenye yamahla-denyuka obomi. Kwakhona, ukuphupha usitya isiqhamo kungangumqondiso wothando olutsha kunye nolalwalamano olutsha.
Ukuphupha usikha iziqhamo emthini kuthetha ukwamkela nokuthathela kuwe ithuba, ukuzama ukufikelela kwizinto ozinqwenelayo, ukuba neenjongo ezicacileyo, ukufumana izibonelelo kunye nezinto ezinokwenzeka. Luphawu lobutyebi bangaphakathi obukuvumela ukuba ubone kwaye “ubambe” ubutyebi obukungqongileyo.
Nditanda amaphupha nengcaciso zawo
Molo Xoliswa,
Siyavuya kakhulu ukuva oku. Ungafunda nangezinye izinto ezifana neziduko ngokulandela le link ilandelayo: https://iafrika.org/xh/
Molo mhlobo ndiphupha ndisitua pesika zivuthiwe kodwa into endimangazayo kukubona ezantsi kwalomthi kubekwe izinto zokwakha indlu, enkosi 🙏 ndolinda kwimpendulo.
Molo Xoliswa,
Enkosi ngalo myalezo, asihlalutyi maphupha apha koko sinika umkhombandlela ngamaphupha. nceda ucofe kule linki ilandelayo ufumane ulwazi oluphangaleleyo: https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngeziqhamo/
Ndicela ucaciselwa. Xa uphuphe isihlobo sakho sisitya isiqhamo esingavuthwanga. Iipesika ezisenoboya.
Molo Nangamso, nceda ulandele le linki engamaphupha ngepesika https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngepesika/