Izaci ngomonde nokunyamezela

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Liphandlwa lijongile: Umntu unyamezela ukuqhathwa naxa eyiqonda into yokuba uyaqhathwa. 
  • Ukudela inyongo: Ukunyamezela nantoni na eyenziwa kuwe okanye ethethwa ngawe. 
  • Ukulala ngenxeba: Nyamezela intlungu okuyo. La mazwi asetyenziswa xa kuthuthuzelwa umntu owehlelwe yinto embi, ngakumbi xa ebhujelwe. 
  • Ukuginy’ inyiki: Ukunyamezela nasiphi na isenyeliso osinikwayo nokuba awenzanganto ekhokelela kweso senyeliso okanye isohlwayo. Ukwamkela nayiphi na into oyixelelwayo nokuba izakufaka engxakini.

Leave a Reply