Izaci ngokuzisindisa, ngokusaba nangokubaleka

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukuphel’ emehlweni: Ukubaleka uzisindisa kwimeko ongakwazi ukumelana nayo. Umzekelo: Uthe akuva ukuba uSgantsontso usendleleni ezayo wavela waphel’ emehlweni, kaloku azidibani kwaye uSgantsontso uyayongamela le inguMbethwa. 
  • Ukuzibeleka emqolo: Ukubaleka. 
  • Ukombela isinqe: Ukubaleka. 
  • Qhawuka mlenze: Ukubaleka. 
  • Yaphuka thambo: Ukubaleka uzisindisa enkathazweni. 
  • Ukubeleka ooxhongo: Ukubaleka. 
  • Ukucela kooxhongo: Ukubaleka. 
  • Ukuv’ ezinyaweni: Ukubaleka. 
  • Ukucela kwabanentsente: Ukubaleka. 
  • Ukubeleka izithende: Ukubaleka. 
  • Ukubeleka abasicatyana: Ukubaleka. 
  • Ukuqhumis’uthuli: Ukubaleka. Ukuphembelela udushe. 
  • Ukunikel’ umva: Ukushiya loo mntu ubukunye naye ngenxa yokungevani okanye ukungamkeli loo nto benidibene ngayo. 
  • Ukuthwala itshoba: Ukubaleka. 
  • Ukubhenqa itshoba: Ukubaleka. 
  • Kube ngamathol’ esagwityi: Ibe ngulowo ebaleka esindisa ubomi bakhe. 
  • Umvundl’ uzek’ indlela: Ukubaleka. 
  • Ibhatyi igcwele umoya: Ukubaleka uzisindisa kwimeko enobungozi kuwe. 

Leave a Reply