Izaci ngokuncedana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukuchebana iinduma: Ukuncedisana. 
  • Ukuhlaba ikhwelo: Ukumema abantu kwinto ekumele yenziwe kuncediswane ngayo. 
  • Ukuhlaba umkhosi: Ukukhwaza ucela uncedo. 
  • Ukuphos’ igada: Ukuncedisa kuloo nto yenziwayo. Ukongeza amazwi kuloo nto ithethwayo. Umzekelo: Ndithi nam makhe ndiphos’ igade kulo mba usetafileni. 
  • Ukuqhwayana umqolo: Ukuncedana. 
  • Ukugqumana umqolo: Ukuxhasana entweni. 
  • Ukugqumana umhlana: Ukuxhasana entweni. 
  • Ukufak’ igxalaba: Ukuncedisa. 
  • Izandla ziyosulana: Kuyancedwana ngabantu. 
  • Ukupha isandla: Ukunceda. 
  • Ukolula isandla: Ukunceda. 
  • Ukufaka isandla: Ukuncedisa entweni. 
  • Ukucela izandla: Ukucela uncedo. Ukucela inkxaso. 
  • Izandla ziyahlambana: Kuyancedwana ngabantu. 
  • Isandla sihlamb’ esinye: Abantu bayancedana. 
  • Ukubambana ngezandla: Ukuvana nokuncendisana entweni. 
  • Ukwenziwa umntu: Ukuncedwa kwinto ekuphumelelisayo ebomini. Umzekelo: Kwekhu, undenze umntu ke khona Monyuli, besendingasazi ukuba mandidibanise ntoni nantoni ze ndiphumelele kule ngxaki. 
  • Usenga ekhabayo: Ukufuna into kumntu ozakuba nentetho eninzi ngaphambi kokuba akuncede. 
  • Ukuphosa ilitye esivivaneni: Ukongeza ukuncedisa koko sekukho.

Leave a Reply