Izaci ngokubawa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Umqala ogqubayo: Ukubawa. 
  • Ukuginya amathe: Ukubawela into. 
  • Ukuginyisa amathe: Into ebawelekayo nebukeka ngathi ingamnandi okanye ingakuxolisa ukuba unokuyifumana. 
  • Ukuvuz’ izincwe: Ukubawela into. 
  • Ukuginyisa ingwiqi: Kutshiwo kwinto ebawelekayo, iginyisa ingwiqi. 
  • Ukuginya ingwiqi: Ukubawela into oyibonayo etyiwayo.

Leave a Reply