Izaci ngokhuphiswano

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Nguwashiywa nowashiywa: Akukho eyodlula enye kuloo nto kukhutshiswana ngayo, Ingulowo uleqa ukuba ngowokuqala ukuya kufika kuloo ndawo kuyiwa kuyo. 
  • Ukucel’ umngeni: Ukucela ukungena kukhuphiswano nokuba ngumdlalo okanye ingxoxo okanye umlo. 
  • Iintaba ziwelene: Kudibene abantu okanye amaqela anabantu abakwizinga eliphezulu eluntwini, abazimvo zabo zingathungelaniyo. 
  • Ukunqunqela egoqweni: Le ntetho ibhekiswa kumntu, okanye iqela, ophumelela kukhuphiswano nabanye abantu okanye amanye amaqela. 
  • Kubanjenwe ngaz’ eNciba: Kujijiswana ngento, mhlawumbi umdlalo okanye ingxoxo. 
  • Kudlan’ iintsimbi: Kudibene izinto ezimandla alinganayo. 
  • Yinkwa nenkwa: Kuhlangene izinto ezinamandla zombini kwaye ayikho eyohlula enye. Umzekelo: Hayi lo mdlalo unzima phakathi kwala maqela mabini, yinkwa nenkwa, ithi ingapha ibhola ibe ingapha kwaye. Akukho lide lifake inqaku. 
  • Kudibene izangxa: Kuhlangene izinto ezinamandla zombini kwaye ayikho eyohlula enye. Umzekelo: Ishushu le ngxoxo phakathi kwala madoda. Uthi usajonge ukuba le ibeke izizathu ezivakalayo, suka leya ibuyise ngezayo ezivakalayo nazo. Inene kudibene izangxa. Umzekelo nokuba ngumdlalo ukuba iqela liqhubekeka liwohlula amaqela elidlala nawo kuthiwa liqengqa ugodo. 
  • Ngunomnji: Kunzima, akukho ide yoyiswe yenye. 
  • Kushiyiselwana ngotyefezo: Enomxhino kunenye iyakuphumelela. 

Leave a Reply