- Ukuthatha kade: Ukuthatha ithuba elide ekuqondeni into ecacileyo.
- Akhonto ileleyo apho: Akukhonto ibambekayo onokuyizuza kuloo mntu.
- Azililanga: Akaphilanga ngokwasengqondweni.
- Umtya awufiki emafutheni: Akaphilanga ngokwasengqondweni.
- Ukungenwa yintaka: Ukungaphili kakuhle engqondweni. Ukuphakuzela.
- Ooxam bayaphaxulana: Kudibene izidenge. Abantu abangazinto besabelana ngentswelolwazi yabo.
- Ulilitye emanzini: Akafundiseki.
- Ubusuku obungenanyanga: Kutshiwo kumntu ongenalwazi lwento, ekumnyama kuye.
- Ubudenge bentwala: Kukuthi ungabonakali okanye ungaqapheleki ube usenza izinto ezingamkelekanga ezibonakalisa ubukho bakho.
- Ukuba nebhungane entloko: Ukungaphili kakuhle engqondweni.
- Akuxeli nokuba kuyasa: Akaqondi nokuba kwenzeka ni. Akukho nto ayaziyo.
- Akazi nokuba kubethwa abaphi: Akaqondi nokuba kwenzeka ni.
- Ukuxhents’ eludakeni: Ukwenza into yokungabhadli.
- Ukuvukwa likakade: Ukubuyela ekwenzeni iziphoso obesele uziyekile. Umntu ovele avukwe ngumsindo maxa wambi akhalale angabi yinxalenye yaloo nto yenziwayo.
- Uvukwe yinto yakhe: Kutshiwo kumntu owaziwa njengesibhoxi athi ebesalulamile asuke aqalise ukwenza le nto aqhele ukuyenza.
- Uvukwe yinkenkqe: Umntu ovele abe nephuku lokucaphuka kungekho sizathu sitheni soko.
- KwesikaBhadakazi: Sisikweko kumntu ongenalwazi lwento eyenzekayo. KwaBhadakazi kukwindawo ephangaleleyo apho ungaboni kwamntu ngaphandle kwakho wena ukule ndawo.
- KwaNti; Intsingiselo iyafana nesi singentla. KwaNti kusempengezini yethafa apho kungekho phawu lwanto iphefumlayo, namzi, kuphela nguwe wena wedwa ukuloo ndawo.
- Azithanga dadobawo: Akaphilanga ngokwasengqondweni.
- Intambo ayifiki eparafinini: Akaphilanga ngokwasengqondweni.
- Azinkintshi: Akaphilanga ngokwasengqondweni.
- Ngumgubo wengxow’ enye: Bayafana ngezimbo nangokuba ngoongantweni.
- Akabhadlanga: Akamisanga kakuhle enagqondweni.
- Akatshuzanga: Akaphilanga kakuhle engqondweni.
Izaci ngobudenge nokungasebenzisi ngqondo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso