Izaci ngethemba

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukujonga enkalweni: Ukulindela ukwenzeka kwento ingade yenzeke ngeli xesha uyilindele ngalo. Umzekelo: Kunini ndijong’ enkalweni ingade ifike incwadi endiyibhalelwe ngunyana wam. 
  • Amehlo ajonge elundini: Ukulindela into ngenzondelelo. 
  • Ukujonga ngamehl’ abomvu: Ukungxamela ukwenzeka kwento. Ukulindela ngamandla ukuba kwenzeke into. Ukuba nethemba elikhulu lokufumana into. Umzekelo: Kanti ke ndisijonge ngamehl’ abomvu isipho esivela kumntakwethu. 
  • Sukuthetha ngekati esengxoweni: Sukuzithembisa ngento ongenayo. Sukuthembisa abantu ngento ongekabinayo esandleni osayithembileyo ukuba ingenzeka. 
  • Ukubambelela engceni: Ukuthemba ilize. 
  • Intonga esekhosi: Umntu othembele kuye kuzo zonke iimeko ojongene nazo. 
  • Asidele bumnyama: Ungalahli themba. 
  • Uboya abulali: Ndiyakrokra. 
  • Ukubambelela enkangeni: Ukuthemba ilize,

Leave a Reply