Skip to content
- Andifuni negqabi letapile: Ukukruquka yinto eyenzekayo okanye ayivayo.
- Isithuko asibeki siphako: Ukuntlokothiswa akushiyi siva sibonakalayo.
- Ukuba nesibindi esimnyama: ukwenza inkohlakalo ujike ungakhathali.
- Ukubamba ngogovane: Ukunyanzela umntu ukuba angenzi ngohlobo ekufanele ukuba enze ngalo koko enze ngolu hlobo lalo umbambe ngogovane. Ugovane kaloku nguqhoqhoqho okanye umqala, xa umntu ekuthe minxi emqaleni awukwazi nokuphefumla oku, kwaye ukuba uyaqhubekeka ekukrwitsha engakuniki siqabu sakuphefumla ude ufe.
- Ukubamba ngobhongwana: Ukubandezela umntu angakwazi kwenza njengoko kumelwe enze njalo, koko enze le ithandwa nguwe into.
- Ukujongela phantsi: Ukudela.
- Ukuba nentliziyo emnyama: Ukungabi nasazela. Umzekelo: Unentliziyo emnyama uSibindi. Kunani khona ukuba angancedi umntwana egxwala ezilimaze ngesikere esopha wangathi akaboni ngoku emjongile.
- Ukungabi nantliziyo: Ukungabi navelwano. Umzekelo: Akanantliziyo ke uNtsimbi, ukuba alandulele uNokuphila ikhefu ekubeni egulelwa ngumntwan’ akhe.
- Ukuba nenyongo: Ukubonakalisa ukudelela.
- Ukubhal’ edolweni: Ukuxhiba umntu ngento embi akwenze yona unenjongo zokuziphindezela mhla wafumana ithuba.
- Ukunyathela ezinzwaneni: Ukuxhokonxa omny’ umntu ngeenjongo zokumcaphukisa.
- Ukujongela ezikawusini: Ukudelela, umjongele phantsi omnye umntu.
- Ukungabi nanimba: Ukubonakalisa inkohlakalo. Ukungabi naxolo novelwano.
- Akanasitya sankosi: Umntu odelelayo.
- Usisiciko sayiphi imbiza: Ukujongela umntu phantsi, umenyelisa. Umzekelo: Ebekhwel’ ezehlela uNtsholo kula mfo, engambali nokuba sisiciko sayiphi na imbiza.
- Ukubhula iimbotyi: Ukuvuyelela ubetha umntu ongazilweliyo. Umzekelo: Hayi ke, bathe bakulibamba isela abalibetha, yehaa! Ingulowo wayezifikisela ngeso sixhobo anaso. Kwakungathi kubulw’ iimbotyi.
- Ukuphila ubomi bentshontsho: Ukusoloko usemngciphekweni wokonzakaliswa.
- Ukuphiliswa ubomi bentshontsho: Ukuphathwa kakubi. Ukusoloko usisigculelo sezinto ezingathandekiyo ezenzekayo nokuba azenziwanga nguwe.
- Inkomo enombala: Umntu owaziwa ngokwenza okubi ebantwini.
- Ndiyawatya nawenkomo: Ukungqina ukungoyiki ukujanyelwa ngumntu.
- Ukubetha eluphondweni: Ukwenza umntu abendlongondlongo.
- Ukufaka uphondo: Ukutshutshisa umntu ukuba enze loo nto ufuna ayenze.
- Ukutshiselana uphondo: Ukuchukelana, kaloku uphondo olutshiswayo lunuka kakubi. Ngoku xa uzakutshisela omnye umntu uphondo ufana nomgxothayo kuloo ndawo akuyo.
- Ikhaba eyikhabayo: Ubuyisa ububi ngobubi.
- Intlambo yokufel’ amahashe: Umntu osisigculelo sokutyholwa ngokwenza izinto nokuba akenzanganto.
- Ukukhwela ihashe lingenasali: Ukuchukela umntu ngento angayenzanga.
- Ukombela umngxuma (umhadi): Ukwenzela omny’ umntu iyelenqe.
- Inkawu idliw’ ilila: Akukho thuba lakusizela omny’ umntu. Ingulowo makenze iindlela zokuzikhupha ezingxakini zakhe.
- Inzondo yemfene: Ukungayilibali into embi oyenziwe ngomny’ umntu.
- Umoya wezikhova: Inkohlakalo.
- Ukuwisa iziduli: Ukutshabalalisa oko sekukho.
- Ukwenziwa isiduli: Ukunganikwa nxaxheba yakho ekwenzeni into nakubeni inguwe okwazi ukuyenza.
- Umakhoth’ eyixathula: Umntu ozibonakalisa ngathi uyakunceda kanti kweliny’ icala ujong’ inzuzo.
- Ulunya lubiz’ olunye: Ukuphindis’ ububi ngobubi.
- Akanantsimi yankosi: Umntu odelelayo nongahloniphi nabani na.
- Ukombela umntu ingcwaba: Ukwenzela iyelenqe omnye umntu.
- Ukuwiswa ungenabhola: Ukutyholwa ngento ongayenzanga. Ukuchukelwa.
Related