Izaci ngeminqweno

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukuswela amaphiko: Ukunqwenela ukunga ungafikelela kwindawo ethile ube ungenandlela yokwenza oko. 
  • Ndiswel’ imilomo: Ukunqwenela ukunga unganobuciko bokuthetha ngakumbi. La mazwi adla ngokuthethwa ngumntu obulela omnye xa ethi akanawo amazwi akhethekileyo anokumbulela ngawo ngento amenzele yona. La anawo amazwi awanakufikelela kwindlela anombulelo ngayo ngesenzo enzelwe sona. 
  • Uyakunqandwa ziinkwenkwezi: Uyakuphuhla ade ayokufika apho umnqweno wakhe uphela khona. 
  • Vuleka mhlaba ndingene: Umnqweno wokuba awungebi lingqina lokubona into embi eyenzeka phambi kwakho nakubeni ungeyonxenye yokwenzeka kwayo.

Leave a Reply