Amaqhalo ngomona

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Umona wasemlungwini ukubandez’ ichitywa engaliqabi: Ukubanomona wento ongazukuyisebenzisa. Ichitywa kaloku yimbola. Umlungu wayithatha imbola wayiguba waze wayithengisa ekubeni phambili phaya yayifumaneka felefele. Umona ngowokuba uyithathele kuye ekubeni engayiqabi.
  • Umona usuka esweni: Umntu umonela omnye ngokuthi abenomona ngaloo nto ayibonileyo kuloo mntu ange ingenziwa nguye okanye ibeyeyakhe endaweni yokuba ibe yeyalo mntu ayibona kuye.

Leave a Reply