- Inja ayimki apho ifumene ithambo khona: Umntu akayilibali indawo ancedwe kuyo. Umntu akapheli apho ebefumene uncedo khona.
- Ziyabotshwa nokuba zibhityile: Xa kunzima ufuna uncedo nakubani na, nokuba akanalwazi lwalento umcela akwenzele yona.
- Ungalahl’ imbo yakho ngophoyiyana: Musa ukuyeka into eluncedo nexabisekileyo kuwe uhambe nento engenamsebenzi oqala ukuhlangana nayo. Kuthiwa imbo lilitye elinqabileyo nelexabiso elalilelabaMbo. Yayililitye ekwakusananiswa ngalo. Kweliny’ icala uphoyiyana yayililitye elikumila ngathi yimbo kodwa ingeyiyo kwaye engenaxabiso. Xa kwakusananiselwana kwakumele ulumnke unganikezeli ngembo yakho ze uzuze uphoyiyana.
- Ukuba livili lesihlanu lenqwelo: Ukuba luncedo.
Amaqhalo ngokuncedana
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso