- Isisu somhambi asingakanani singaphambili, ngemva ngumhlonzo: Iindwendwe ziyabukwa kwaye ziphiwe into eya ethunjini. Umhambi uyonela yiloo nto ayiphiwayo nokuba incinci kangakanani na. Yinto elungileyo ukondla umntu wasemzini. Umhlonzo ngumqolo.
Umzekelo. Angade avimbe nomhambi lo nokuba liqhekezana sibe isisu somhambi singesingakanani singaphambili, ngemva ngumhlonzo.
- Umntu ngumntu ngabantu: Udinga inkxaso yabanye abantu ukuze uphumelele entweni.
- Le nto umntu asinto izibangulayo: Abantu bayancedana.
- Inja ikhotha eyikhothayo, zingaba mbini ziyakhothana: Abantu bayancedana. Akukho mntu unokuzinceda ngokwakhe kuyo yonk’ into. Uyaludinga uncedo lwabany’ abantu kweminye imicimbi.
- Intaka yakha ngoboya benye: Umntu uncedwa ngabanye abantu.