Amaqhalo ngobuhlobo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Indoda imba kwenye eqolo: Akukho mntu uphumelela engafumani luncedo kwabanye.

Umzekelo. Uyakuphumelela ngonoquku kule nto azimisele ukuyenza yedwa, kaloku indoda imba kwenye eqolo.

  • Umbeki nkosi indawo akayihlali: Umntu oncede omny’ umntu waphumelela udla ngokulityalwa ngulo ebemnceda. Umntwana okhuliswe ngabazali wade wamdala uthi akuzimela alibale ukuxhasa abo bazali bakhe.
  • Ungaz’ uye elubizelweni: Ziqaphele izinto ozibandakanya kuzo.
  • Akukho nkuzi zikhonya buhlantini obunye: Akukho mntu ufuna ukulawulwa endaweni yakhe.
  • Iintab’ ezikude ngamasithela, ezikufutshane zindongamele: Le ntetho ibhekiswa kumntu okhunjulwayo ekungelula ukumbona ngeliso lenyama ngenxa yokuba kude kwakhe.
  • Ungonakalisi umthunzi kanti usezakuwuhlala: Ungaqhawuli ubuhlobo kanti usezakudinga uncedo kwakulo mntu.
  • Akukho qili linokuzikhoth’ umhlana: Nokuba umntu ulumnke kangakanani na, ikho into enokumxaka angakwazi ukuyisombulula, Wonke umntu uyaludinga uncedo lwabanye abantu.
  • Ulunya lwabatsha luyaphindana, olwabadala luphindana ngecuba: Akululanga ukuba abantu abatsha baxolelane xa bexabene, kanti abantu abadala bayihlalela phantsi ixoxwe, kuxoliswane.
  • Ukubonana ubuso ngobuso: Ukubonana ngokweziqu nijongane ngamehlo.

Leave a Reply