- Akukho nzwana ingenasiphako: Akukho mntu ungayenziyo impazamo. Akukho mntu ugqibeleleyo, ongenasiphene.
Umzekelo: Ndiyabeva aba bagxeka intetho kaCiko, ibe phofu ivunywa nanguthathatha ukuba ibiludlwabevu. Kakade akukho nzwana ingenasiphako nokuba zingakho ezo zinto bamgxeka ngazo.
- Entsimini echumileyo nezihumba ziyahluma: Akukho mntu ugqibeleleyo. Xa ulime umbona ubona ngokuphuma kwezikhwebu ukuba uthwele. Maxa wambi ubuthi xa ujonga okanye uhluba isikhwebu eso ufumanis’ ukuba akukho sikhwebu koko kukho umpha osewude wabola wada wanomgutyana olubhelu okanye omnyama. Sisihumba ke eso.
- Esenkuku eyalahla isitshixo sikakhetsha: Ukusoloko usexhaleni lento embi enokukwehlela.
- Ukujongelwa phantsi okwendlwana yenkuku: Ukungabonelwa ntweni ngabanye abantu. Indlu yeenkuku kuthiwa sisirubi. Idla ngokwenzelwa isikhukukazi esifukama amaqanda ukukwenzel’ ukuba sikhuseleke emoyeni, emvuleni naselangeni. Yindlwana nje enophahlana lwenkcenkce okanye iplanga. Ngenxa yokuba iphaya ezantsi bekudingeka ukuba ugobe xa ufuna ukujonga ukuba isekhona na inkuku leyo okanye amaqanda. Oko ke kukuyijongela phantsi.
- Icace okwekat’ emhlophe ehlungwini: Into ecacileyo engafuni kucaciswa ngakumbi. Ihlungu yindawo etshisiweyo, nokuba yintsimi okanye isitiya okanye idlelo, ebekukhule kuyo ingca okanye ezinye izityalo. Xa isandul’ ukutshiswa le ndawo ibamnyama ze kuthiwe lihlungu. Ikati emhlophe ehamba kwelo hlungu ibonakala ngokucacileyo kwaye ungenakufanekisa ukuba yikati leyo ihamba apho.
- Unqabe okwezinyo lenkuku: Kutshiwo kumntu ongabonakaliyo phakathi kwabanye abantu, ngakumbi abo basondeleyo kuye okanye abahlobo bakhe. Inkuku ayinawo amazinyo. Yiyo loo nto enqabile.
- Inkom’ enqoma yintsengw’ ibheka: Into yemboleko ingezakulandwa nanini na ngumniniyo. Ngoko ke hlala ukulindile ukuyibuyisela xa idingwa ngumniniyo.
- Ukuhlala kwesele emanzini akuthethi ukuba liyawasela amanzi: Musa ukujonga inkangeleko yomntu ube ungayisanga so imisebenzi yakhe.
- Ubuhle bekhiwane zimpethwana: Musa ukujonga inkangeleko yangaphandle yomntu ube sewugqiba ukuba ulungile. Musa ukubona inkangeleko yento ube sewugqiba ukuba ifanelekile.Kwezinye iindawo ikhiwane kuthiwa lifiya.
- Ungadeli umqulu iiyadi ungekazibali: Ungabokujongela phantsi into ngokuyibona ngamehlo kanti ilulutho.
- Intaka ithiyiselwa ngenyiki: Umdla womntu utsalwa ngento ayithandayo.