Izizwe ezininzi zase-Afrika zikholelwa ekubeni izikhova zizo ezizisa ukufa kunye namabhadi. Xa siviwa sikhala kufutshane nomzi othile kuye kukholelwe ukuba kukhona ukufa okuzayo kumzi lowo. Koyikisa nangakumbi ke ukusiphupha ulele.
Ukuphupha ngesikhova esimhlophe
Ukuba uphuphe ngesikhova esimhlophe, iphupha elinjalo linentsingiselo elungileyo, kwaye libonisa ukonwaba okuzayo. Iphupha elinjalo likwabonisa ukuba ucocekile kwaye uthembekile. Kwakhona lingabonisa ukubandakanyeka kubudlelwane nomntu omthanda kakhulu. Kungenzeka ukuba olu lwalamano luya kukhula lube yinto ozinikele nangakumbi kuyo.
Ukuphupha ngesikhova sikuhlasela
Ukuba uphuphe isikhova sikuhlasela, loo nto ithetha ibhadi nobubi obuza kukwehlela. Amaxesha amaninzi ungaphulukana nezinto ezibalulekileyo.
Ukuphupha ngokuzama ukubulala isikhova
Ukuba ukhe wazama ukubulala isikhova ephupheni, iphupha elinjalo linokuthetha ukuzama ukusombulula ingxaki ethile, okanye ukuphuma kwimeko enzima, kodwa endaweni yoko kubangele ezinye iingxaki ingakumbi xa ungadanaga wasibulala isikhova eso.
Ukuba uphuphe izikhova zibulalana, iphupha elinjalo linokubonisa ukungqubana okuthile kwinkolelo yakho.
Amaphupha nge ntaka emnyama ngena endlini
Molo Zenande,
Nalu ulwazi esinalo malunga neentaka. Nceda ulandele le link ilandelayo: https://iafrika.org/xh/tag/iintaka/
Ukuphupha isikhova singena endlini
Molo Unam, Nceda ulandele le linki ingezikhova uve banzi kuyo:https://iafrika.org/xh/amaphupha-ngezikhova/