Izaci ngotywala nokushusha

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Udle ukudla kwamdla: Ukunxiliswa butywala. Ulonwabo lwakhe luphelele entlungwini. 
  • Udl’ omdlayo: Utywala. 
  • Umasila ngeentungo: Umntu okhuthalele ukuhamb’ esela kweminy’ imizi kodwa angakhe asile. 
  • Ubhelu lomsele: Utywala besiNtu, umqombothi. 
  • Irhewu elineentsiba: Utywala besiNtu, umqombothi. 
  • Umabil’ ebanda: Utywala besiNtu, umqombothi. 
  • Intombi kaLudiza: Utywala. 
  • Ukunyathel’ amantshontsho: Ukunxiliswa butywala uhambe ugxadazela endleleni, uthi ungapha ube ungapha, nqwa namantshontsho enkuku aya ngapha nangapha xa ebaleka ingozi. 
  • Ukuqhuba amatakane: Ukunxiliswa butywala uhambe ugxadazela endleleni. Xa ubani eqhuba amatakane kufuneka enqande ngapha nangapha kuba ilelo itakane lifuna ukuhamba eyalo indlela. Umntu oyotywe butywala abe ehamba endleleni ugxadazela nqwa nomntu oqhuba amatakane. 
  • Igqabi likalonji: Utywala besilungu. 
  • Zingenaphi iinyosi: Bufumaneka phi utywala. Ngowuphi umzi onentselo? 
  • Umahlal’ eshushu: Umntu osela anxile ngalo lonke ixesha, yonk’ imihla. 
  • Iqwili likaJoji (George): Utywala besilungu. 
  • Kuphilwa phi: Bufumaneka phi utywala. Ngowuphi umzi onentselo.

Leave a Reply