Izaci ngonyanzelisa okanye ukugunyazisa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Akacengi ndolala phi: Ukulandelela into, ngentetha, nokuba izakukhokelela ekubeni ungathandwa nguloo mntu uyilandelela kuye. 
  • Ukuphek’ usophula: Ukunganiki thuba lokuphumla xa ufuna into. Umzekelo: Ndibe ngamphendula wabe endiphek’ endophula ngemibuzo.
  • Ukuphathel’ imbengwana: Ukulandelela. Ukutshutshisa umntu ukuba enze le nto kumelwe ukuba ayenze. 
  • Ukumela ngemva: Ukutshutshisa umntu ukuba enze into ekufuneka eyenzile. 
  • Ukomba umntu: Ukulandelela umntu ngento angayenziyo ebethembise ukuba uzakuyenza. 
  • Ukubamba ngesixhanti: Ukunyanzela ukuba umntu enze into ofuna ayenze.

Leave a Reply