Izaci ngolwaphumlo mthetho nokona nesohlwayo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ityala alingomafutha: Akukho mntu uthandayo ukunamathiselwa ngetyala, nokuba sele yenzile into akalivumi ityala, uyaliphika kuba kaloku alithanjiswa, alingomafutha. 
  • Umsila wengwe: Isimemo esinyanzelisa ukuyakuvela enkundleni yamatyala uyokuphendula ngezityholo obekwa zona okanye uyokungqina ngento exoxwayo. 
  • Unyawo lwemfene: Ukwenza izinto ezigwenxa nezingamkelekanga. 
  • Unyawo lukaJanyawuli: Ukwenza izinto ezigwenxa nezingamkelekanga. 
  • Ukuphum’ utshaya: Ukufunyaniswa ungenatyala kuloo nto obutyholwa ngokuba unetyala layo. Umzekelo: Uphum’ etshaya kwelo tyala lokugwinta.

Leave a Reply