- Ukuncamis’ umxhelo: Into eyanelisa kakhulu.
- Ukuv’ edolweni: Ukuthandaza.
- Ukubuyis’ unyawo: Ukurhoxa ekwenzeni into engamkelekanga obusel’ uzifake kuyo.
- Ukuma uthi gomololo: Ukungahexi kuloo nto ukholelwa yiyo. Ukuzimesela ekwenzeni loo nto unqwenela ukuyenza.
- Umgxube uyavuthwa: Izinto sezizakulunga. Xa kulungiswa iyeza elombiwe endle, mhlawumbi lidityaniswe nelinye liphekwe ixesha elithile elaziwa yingcali leyo. Njengokuba eliphekile ke uzakumana elizamisa ukuze lixubeke kakuhle okanye ngale ndlela ayazi ngalo. Ngumxube ke lo awenzileyo. Bambi ke bathi ngumgxube.
- Uchan’ ucwethe ngotolo: Wenze njengoko bekulindelekile. Uyichanile le mpendulo ibilindelekile. Ucwethe yimpukwana encinane kakhulu. Yinto enkulu nemangalisayo ukuba ingade ichanwe ngetolo.
- Isinamva liyabukwa: Oyena mntu ukhunjulwayo ngulo wenze into entle mva.
- Ukuhlaba emxholweni: Ukuchana into.
- Ingqwangangqwili: Umntu oyimelayo into elungileyo nefanelekileyo. Iqhawe.
- Ukuchana umhlola: Ukuthetha okanye ukwenza into echanekileyo.
- Ukuchana incede: Ukwenza okanye ukuthetha into echanileyo.
- Uyihlabe esikhonkosini: Ukuthetha okanye ukwenza into echanileyo.
- Ukuhlaba umhlola: Ukuchaza into njengoko injalo.
- Ugwaz’ uTshaka, ugwaz’ ebona: Uyichanile. Uhlabe emxholweni.
Izaci ngokwenza okulungileyo nokwamkelekileyo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
[tagscloudplus]