- Ubukhulu abubangwa: Iwonga alifumaneki ngokulinyanzelisa koko ulizuza ngokulisebenzela.
- Ubukhulu abuphangwa: Ubukhulu newonga azizi ngokuthetha nangokuzincoma koko zifumaneka ngemisebenzi.
- Ukukhula kukubona: Okuye ukhula kokuye usiba namava ezinto.
- Inkab’ amalanga: Umntu oqhele ukumelana nemiceli mngeni ebomini bakhe kwaye aphumelele.
- Kwasinya udlezinye: Umntu ongasenamandla okwenza izinto abefudula ezenza lula.
- Seyibhong’ ilele: Kubhekiswa kumntu ongasenamandla okwenza izinto abeqhele ukuzenza, abe ngoku selebalisa ngeempumelelo zakhe ekwenzeni ezo zinto. Umzekelo: Ewe, yena wayebalasele ngexesha lakhe, kodwa ngoku seyibhong’ilele.
Izaci ngokwaluphala
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso