- Ukubeka amathambo: Ukulala.
- Ukuphumza amathambo: Ukuphumla.
- Ukungabinawo nasecepheni (amandla): Ukungabi namandla nomdla wokwenza into.
- Ukubek’ icala: Ukulala.
- Ukulala obentlombe: Ukuba sebuthongweni obunzulu kude maxa wambi ungeva naxa uvuswa.
- Ukulala obungehliyo: Ukuphuthelwa kuba uneengcinga ezikugcina uhleli (unomvandedwa).
- Ukuba kobude (ubuthongo): Ngumntu oleleyo ade angeva nanto eyenzeka apho alele khona okanye kubenzima nokumvusa.
- Ukubethwa ngumoya: Ukuziphumza entweni ngokuthi ukhe uzulazule phandle okanye utyelele kwenye indawo ngelithi uzakukhe uphole nasengqondweni.
- Ukubeka ubilo: Ukuphumla
Izaci ngokuphumla nokulala
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso