- Awuqin’ umnqwazi: Ukungakholelwa ncam yinto oyivayo okanye oyixelelwayo. Umzekelo: Awuqin’umnqwazi yilento ithethwa nguZenzo yokuba athi ufumene izidanga ezibini ngonyak’ omnye.
- Ukuzalela endle: Ukulandula ngokungathembisiyo ukuzibandakanya kwinto ekuthenjwe ukuba ungaluncedo kuyo.
- Xa ingakhali iyayekwa: Sukuyinyanzela into ethi nakubeni uyizama kangangoko unako ukuba iphumele kusuke kungenzeki.
- Intlanzi itshelwe ngamanzi: Ukuphelelwa lithemba ngenxa yokungenzeki kwento ebekulindeleke ukuba izakwenzeka.
- Induku yomgwanishe: Umntu o-athalala ekungenakuthenjelwa kuye. Kaloku isebe elomileyo lomgwanishe liqwatha-qwatha, lophuka lula. Ngoku xa unokwenza induku ngesebe lomthi womgwanishe ufana nje nongenanduku kuba uzakuthi ubetha loo nto uyibethayo isuke yophuke.
Izaci ngokuphelelwa lithemba
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso