- Ukuzijongela phantsi: Ukuzidela ukuba awunakukwazi ukwenza into ethile.
- Amabona-ndenzile: Ukungazi ukuba uphumelele kanjani na ekwenzeni into iphumelele. Umzekelo: Eneneni ndiphumelele ngamabona-ndenzile. Bendiphendula nje kuba kufuneka ndingcolise iphepha, ndingaqinisekanga ngale nto ndiyibhalayo.
- Ukungabi namqolo: Ukungakwazi ukumela into eluxanduva lwakho.
- Ukuphath’ uyeka: Ukungaqiniseki ngento oyenzayo, uthi usenza le ube usenza leya ube ungekayigqibi naleyo ubuyenza.
- Ukubamb’ uyeka: Ukungaqiniseki ngento oyenzayo.
- Kubethw’ abaphi: Yintoni enyenzekayo. Umzekelo: Ndibona nje ukuba kuphithizela, andazi nokuba kubethw’ abaphi.
- Umalala ephethuka: Umntu ongenamkhondo wanto, ongenazigqibo.
- Ukulala neli, uvuke neli: Ukuguquguqula izigqibo obuzenzile. Ukungathethi into enye, ubambelele kuyo.
- Ukubhula usela: Ukukhangela nantoni na enokuxhasa izimvo okanye izenzo zakho ibe ingekho. Xa kwakubhulwa ingqolowa, loo nto ibisenziwa esandeni. Bekusasazwa izithungu zengqolowa kuloo ndawo isisandi ilungisiweyo. Abantu bebesenza isangqa esijikeleza isanda. Iinkomo zizakubalekiswa ngaphakathi kweso sangqa, ziqhutywe zijikeleza kule ndawo zinyathele ezo zithungu. Kukubhula ke oko. Ekuhambeni kwethuba ziyakhutsha iinkomo esangqeni ze kubekho umntu, nokuba babini, ephethe irhafile. Irhafile ke sisixhobo esinentonga ende ze phaya encamini kubekho amazinyo entsimbi amile oku komhlakulo oyifolokhwe (Fork spade). Lo mntu uzakumane esikha le kafu yeentonga zesityalo sengqolowa. Uzakuyijula phezulu ukuze xa isehla iphetshethwe ngumoya, ingqolowa yona iwele kule ndawo isisanda, Okwa kujula phezulu ngerhafile kohlula ikafu kwingqolowa, kukwela oko. Iimbotyi zona bezisandlalwa kwindawo elungisiweyo. Bekuthathwa nokuba lihlamvu lomthi kubethwe ngalo amakhoba la anembotyi. Kukubhula oko. Ekuhambeni kwexesha bekukhiwa ngesitya ezo mbotyi zidibene nekafu yamakhoba, umntu ebesima ze agalele kwesa sanda loo ndibanisela yeembotyi nekafu, xa kukho umoya ikafu ibiphaphatheka ze iimbotyi ziwele esandeni. Kukwela ke oko.
- Ukuba lilulwane: Ukungacaci icala olithathayo xa kufuneka kwenziwe isigqibo. Ilulwane kaloku liyintaka liphinde limilise okwempuku ngomlomo, ngeendlebe, ngoboya nangebala. Bambi abantu bade bathi yiMpukuntaka kuba intloko yalo ifana neyempuku ze liphinde libe nesikhumba esinoboya obufana nobempuku, kodwa libuya libe namaphiko njengentaka kwaye libhabhe.
- Ukuba lunwabu: Ukungacaci ukuba ukweliphi icala kuba, ujikajika uhambe nelo cala ufike kulo, umntu ocothozisayo. Unwabu lilovane. Ibala lelovane liyajikakika lifane naloo nto lihamba kuyo. Ukuba lihama emagqabini aluhlaza omthi, nalo lizakujika libeluhlaza. Ukuba lisemhlabeni lizakujika libemdaka ngokufana nomhlaba.
- Ukusezela umoya: Ukusingasinga ukuba imeko ithini na kuloo nto icetywayo. Ukujonga ukuba akukho nto izakuthintela ukwenziwa kwaloo nto icetywayo. Umzekelo: Hey mfondini, inzima le nto ufuna ukuyenza. Kodwa ke ndizakuqale ndiyokusezela umoya ukuba umhlekazi ukuyiphi na imeko ngaphambi kokuba uyokuthetha naye ngale nyewe. Ngapha koko uyakuyibelek’ ikrwempa.
- Ukudela ukholwa: Ukungaqiniseki ngento oyivayo okanye oyibonayo ukuba uyamkele na okanye ungayamkeli.
Izaci ngokungaqiniseki
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso