Izaci ngokunganyaniseki nenkohliso

  • Ukufihl’ intloko: Ukungazicacisi ukuba ukweliphi na icala emcimbini oxoxwayo okanye owenziwayo. 
  • Ukubetha entloko: Kutsho umntu owehlelwe yinto ebengalindelanga ukuba ingehla. Ukukhohlisa. 
  • Ukugqebh’ iduma: Ukukhohlisa umntu ukuba akwenzele into uthembise ngokumbuyekeza ngezakho izenzo ze ungazifezekisi, loo mntu umgqebh’ iduma. 
  • Ukugqebha elingophiyo: Ukukhohlisa umntu ukuba akwenzele into uthembise ngokumbuyekeza ngezakho izenzo ze ungazifezekisi, loo mntu umgqebhe elingophiyo. 
  • Umbethe elingophiyo (iduma): Ukwenza into embi komnye umntu. Umzekelo: Inene undibethe elingophiyo uNgxaki. Bendiba ndiyakumfundisa ade ayityekeze kodwa naku ngoku ekhetha ukubaleka isikolo esesenyeleni. 
  • Ukuhleka intsinimenyo: Ukuhleka ungahleki. Ukukhohlisa ngokungathi uyayithanda into eyenziwa ngomny’ umntu ube ngaphakathi ungathethi lonto. 
  • Ukulum’ uvuthela: Ukukhohlisa. 
  • Ubhodl’ esambesa: Ngumntu onga uyakunceda kanti ujonge inzuzo ngokukuqhatha. 
  • Yintlolela yombini: Umntu othutha iindaba zeli cala azise kweliya ze athatha ezelaa cala azizise kweli. Oko kukuthi uyintlola yala macala omabini. 
  • Ukubethisa ngoyaba: Ukungakhathaleli into eyenzekayo ubengathi awuyiboni okanye awuyiva. Umzekelo: Ndithe ndimbuza ukuba uyifumene phi imali yokuthenga impahla entsha engasebenzi, waske wawubethisa ngoyaba umbuzo wam, wavusa eny’ incoko.
  • Ukudla usosula (umlomo): Ukwenza into ze wenze ngathi awukhange uyenze. Kubhekiswa kumntu ongoneliyo yinto ayiphiwayo, akhanyele ukuba ebekhe wenzelwa into nguloo mntu. 
  • Ukudlela indlolothi: Ukukhohlisa. 
  • Ukuhla ngomlenze: Ukunyamalala kwento ngendlela engaqondakaliyo nengachazekiyo ukuba yenzeke njani. Umzekelo: Ngokuqinisekileyo le mali yenkxaso ihle ngomlenze. Abakwazi kungayazi ukuba iyephi babe abantu abamele kuyixhamla bengayifumananga. 
  • Ukuba nebatha: Ukwenza izinto ezingaqondakaliyo nezingahambelaniyo noko kulindelweyo. 
  • Ukuqhola ngothuli: Ukukhohlisa. 
  • Ukulaliswa nerhanisi: Ukukhohliswa ngokwenzelwa ububele kanti kujongwe ukukwenzakalisa okanye ukufaka emgibeni weyelenqe. 
  • Ukusengela ezintsinini: Ukukhohlisa. 
  • Uwiswe lihashe lakhe: Uphoxwe ngumntu ebemthembile. 
  • Ukunika imbila ngentloko: Ukukhohlisa. 
  • Ukubambisa umoya: Ukukhohlisa. 
  • Umoya wesibaya: Iwexu-wexu. 
  • Ukubambisa iliwa: Ukukhohlisa. Ukuthembisa ilize. 
  • Ukuba yinyoka: Ukukhohlisa. 
  • Ukoja umnga: Ukuqhatha. Ukukhohlisa. 
  • Ukhaka kampethu: Iwexu-wexu. 
  • Ukukhab’ ezantsi: Ukukhohlisa. Ukuqhatha. 
  • Ukuzifihla eqokobheni: Ukungafuni kucaca isimo sakho. 
  • Ukuhamba nomsinga: Ukuya kwelo cala kuyiwa kulo, ngakumbi xa kuxoxwa. 
  • Ukuhla nomcinga: Ukurhoxa kwisigqibo obusenzile. Umzekelo: Ndiyazi ukuba bendithembise ukukumela kweli tyala lakho, kodwa ke ndiyaxolisa kuba ndibon’ ukuba mandehle nomcinga ngokunyanzelwa ziimeko ezingaphaya kwamandla am. 
  • Ukuhlala emcingeni: Ukungabinacala engxoxweni, uvume nabavumayo, ulandule nabalandulayo. 
  • Andisatshayi ngaloo nqawa: Andisangeni kuloo ngxoxo bendizibandakanye kuyo. Ndidlule kuloo ngxabano yethu. Andisangeni kweso sithembiso bendisenze nawe. 
  • Ukuba yiMpukuntaka: Ukuba liwexuwexu. Impukuntaka lilulwane. 
  • Ukuba yingcongolo: Ukuvumela loo nto ithethwayo nokuba ichasene nale ubuyivumile kuqala. 
  • Ukudlala undize: Ukungabambeki. 
  • Ukuthath’ ubeka: Ukungaqiniseki ngeyona nto mawuyenze. 
  • Unam-nawe: Into engenamntu ufuna ukuthi uyenzile, ingulowo usuka angayazi. 
  • Ukuba nguthathekile: Ukulandela wenze nayiphi na into odibana nayo phofu ingeyiyo imeko yentlalo yakho. 
  • Ukulalis’ uboya: Ukwenza ngathi uyamnceda umntu ube ujonge ukumqhatha. 
  • Ukukhwel’ ecingweni: Ukungabi nacala xa kuxoxwa into, uvume nabavumayo, ulandule nabalandulayo. 

Leave a Reply

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu