Izaci ngokungabi nabuntu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukuhlal’ entanyeni: Ukutshutshisa okanye ukulandelela umntu ukuba enze le nto kumelwe ayenze kuba engabonakalisi mdla wakuyenza. 
  • Ukubetha ngolukaBhenya: Ukuvisa ubuhlungu. Umzekelo: Kudala ndimnqanda ukuba angandiphathi gadalala engeva. Ndizakumbetha ngolukaBhenya ukuze angaphindi ajongele phantsi omny’ umntu. 
  • Ukukhetha iphela emasini: Ukuba nomkhethe ekwenzeleni abantu izinto. Ukungaphi abantu ngokulinganayo xa usaba loo nto bayiphiwayo. Umzekelo: Sithe sijonge ukuba sizakuphakelwa sonke, suka uNongqayi wakheth’ iphela emasini walungiselela abatshana bakhe bodwa, thina se caa izisini. 
  • Ukudlel’ indlala: Ukungancomi kwimeko ofanele ukuncoma kuyo. 
  • Ukunika umva wesandla: Ukungamamkeli omny’ umntu ekubeni bekufaneleke ukuba uyamamkela.
  • Ukuba nesandla esibandayo: Kutshiwo kumntu ovimbayo. 
  • Ukuba nedolo: Ukuba nomkhethe. 
  • Ukuba nesheyi: Ukuba nomkhethe. 
  • Ukuphosa ezaleni: Ukulahlela umntu elizeni. 
  • Ukusengela eselweni: Ukushiya enyanyeni. Ungamkhathaleli omnye umntu.
  • Ukukhaba ngaw’ omane: Ukungaqheliseli ukulandula into. 
  • Uxam waphusile: Umntu obandeza uncedo abekade eluxhamlisa abantu ngalo. Xa ubuncedwa ngumntu ze ayeke ukukunceda okanye ukukuxhasa okanye ukukucebisa. Ukungabi sayifumana into obukade uyizuza kuye. Xa eyekile ukukunceda ube wena usaludinga uncedo lwakhe, kuthiwa uxam waphusile. 
  • Ukugqaz’ iinamba: Ukukhetha xa usaba into. Umzekelo: Asifumananga kwanto kaloku, imilomo ibuye yomile. Nezo zitya beziphakwa bezigqaz’iinamba, kunikwa abathile.
  • Izikere zilingene abachebi: Into ekhoyo seyinabantu bayo.

Leave a Reply