Izaci ngokugula

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Yinyama yamakhwenkwe: Isifo sobende. Ubende lilungu lenyama yangaphakathi lesilwanyana, nokuba yigusha, ibhokhwe okanye inkomo. Kwezinye iindawo kuthiwa ngudakada. Mandulo phaya bekuthi xa esinye sezi zilwanyana zikhankanywe ngentl’ apha sithe safa sisigulo esingaziwayo, eso silwanyana besihlinzwa ze kuthathwe ubende busiwe kwasibonda okanye kwamlimi ukuze buyokuhlolwa. Ubende obu buyinyama yamakhwenkwe nengondonci. Kwakhe kwakho ubhubhane weezilwanyana zasekhaya ze kwafunyaniswa ukuba zinesifo sobende. Ukuhlonipha ukuba kuthiwe sisifo sobende bekuhlonitshwa ngokuba kuthiwe yinyama yamakhwenkwe. Isizathu sokusihlonipha esi sifo kukuba bekukho inkolelo yokuba xa ubende bubezwe ngegama isifo sakuyakosulela loo mntu.
  • Ukulala ngendlu: Ukugula. 
  • Ukuwa isiduli: Ukuquleka de unge ufile noxa usaphefumla. 
  • Ukufa isiqaqa: Ukuquleka de umkelwe ziingqondo okwethutyana, mhlawumbi ngenxa yokuva iindaba ezimbi okanye ukwenzakala. 

Leave a Reply