Izaci ngokuba nobuntu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Untamo inamafutha: Ngumntu oyimvuzemvuze. Umntu ophayo.
  • Umhambi uyahlinzekwa: Kuyinto entle ukukhathalela iindwendwe zakho. Umzekelo: Awunakude uhambe ebusuk’ apha, likhona igumbi endikulungiselele lona. Ndingahlekwa nazintaka ukuba ndingakuyeka udlule, kaloku umhambi uyahlinzekwa. 
  • Ukuba nesandla esishushu: Kubhekiswa kumntu ophayo de ayibaxe xa enika umntu into. 
  • Ukuba nezinwe: Umntu othanda ukupha ngaphezu kokuba kulindelekile. 
  • Ukwenza izinwe: Ukupha ude uncame nale ubuzibekele yona into usongeza koko ubusewukwenzile. 
  • Indlezane: Umntu onobubele. 
  • Inimba mayibenye: Abantu abaphathwe ngokufanayo, kungabikho mkhethe. 
  • Ukwaba izithebe: Ukohlulela abantu ngokweengingqi zabo. 
  • Ucuntsu akafani noshici: Into encinci oyiphiwayo ayifani nokuba ungabinanto kwaphela. 
  • Amanzi ayadedelana: Ububele bubuyiswa ngobunye. 
  • Ububele bubiz’ obunye: Ukubuyekeza okuhle ngokunye okuhle. 
  • Iindwendwe ziyabukwa: Umntu okuhambeleyo wenzelwa izinwe . 

Leave a Reply