Izaci ngokonwaba nokuzonwabisa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Uncumo lukaBlankethi: Uncumo olungazenzisiyo. Uncuma kuba uthakazelela loo nto uyincumelayo. 
  • Ukutshicela esifubeni: Ukonwaba kakhulu. 
  • Kudliwa ngamntu: Ukuxhamla into kuba bekulungiselelwa omnye umntu. 
  • Lopha ngokuphindwa: Into entle okanye ebukelekayo ngase ingapheli, okanye ukuba iphelile ngaske iphindwe. 
  • Namhla kunamhla: Namhlanje yimini enkulu ekuzakwenzeka izinto ezingaqhelekanga kwenzeka ngayo. Kutshiwo xa kuvuyelwa ukufika komhla ekuzakwenziwa umsebenzi omkhulu ekhayeni, ngakumbi umsebenzi ozisa ulonwabo njengomtshato okanye umgidi. 
  • KwaMnebese: Apho kumnandi khona, abantu bezenzela yonk’ into abayifunayo. 
  • Kuxhelw’ eXhukwane: Konwatyiwe. Kuthiwa eXhukwane, kufutshane naseQonce, kwakukho inkosi eyayithanda ukuhlinzeka abantu ngendlela eyonwabisayo. Yayingeko enye inkosi ngaphandle kwale, ngaphambi nangasemva kwale, eyayisonwabisa kwaye ihlinzeka abantu ngokubaxhelela. Bekuthi xa kukho loo mihlinzeko abantu bamenywe bazokonwaba. Kanti ke bekuthi naxa kukho umntu ofuna ukwenzelwa into abe engenayo lo ucelwayo, lo kucelwa kuye uzakuthi, ‘kuxhelw’ eXhukwane’. Oko kukuthi lo ucelayo makaye eXhukwane apho abantu bahlinzekwa khona nalapho kufumaneka yonke into felefele. 
  • Libambe lingatshoni: Ngumnqweno wokuba ngaske ubumnandi obuxhanyulwayo bungafikelwa lixesha lokuphela. Ngenxa yobumnandi baloo mbhiyozo kunga ngaske lingatshoni ilanga uphele umbhiyozo. 
  • Uphelasonwabe: Into ekhawuleza iphele kwangoku ibisaqala. Umcimbi owenziwa oku kokuba kuthiwa wenziwe kube kungalandelwanga isithethe sokuwenza. 
  • Njengomdudo kaMapasa: Into egqithisileyo ngobumnandi. Imbali ithi umtshato kaMapasa wathatha unyaka wonke uqhubeka. 
  • Uncuthu Mazangwa: Into eyolisayo eyenza kubemnandi. 
  • Ukuthunga inqu: Ukuthanda ukuqhula. Uhlekisa abanye abantu.

Leave a Reply