- Ukosula ugovane: Ukufumana into etyiwayo.
- Ukususa le isemehlweni: Ukufumana loo ntwanana yokutya ukuthomalalisa ukulamba kakhulu.
- Ukusula umlomo: Ukufumana into etyiwayo.
- Udl’ engeva: Kubhekiswa kumntu ongabacingeliyo abany’ abantu kwinto etyiwayo kwaye abengathi khange afumane kwanto.
- Into esiwa phantsi kwempumlo: Ukutya.
- Usibethe sabomvu (isisu): Utye wahlutha kakhulu.
- Into eya ethunjini: Ukutya.
- Ukudla ukutya kokuhamba: Umntu ongenasikhundla, osoloko esendleleni.
- Ungxowa ayizali: Umntu ongahluthiyo. Umzekelo: Hayi ke ngungxowa ayizali lowo, nokuba ungampha ukutya okungakanani akoneli.
- Imuncis’ intupha: Into etyiwayo enambithekayo.
- Esiphilayo sesidlayo: Umntu onamandla ngulowo uzondlayo. Ulwazi lufumaneka ngokuluzingela.
- Ukutyela embizeni: Ukuvimba.
- Ukuphekelwa ngende imbiza: Ukulungiselelwa ngokwaneleyo.
- Iselwa libeth’ umoya: Kusendlaleni. Kaloku iselwa xa lingasenamasi belihlanjwa, libekwe phaya lingavalwanga apha emlonyeni walo. Bekuthi ke xa kukho umoya uve ngalo lisenza ingxolwana ngathi kubethwa umlozi xa umoya udlula emlonyeni walo.
- Ukuphatha ngembambo: Gcina into ukuze uyisebenzise kwixa elizayo. Kanti ke le ntetho ikwasetyenziswa ekubeni into, ngakumbi esiwa phantsi kwempumlo xa ungumhambi, uyisebenzise ngeli xesha uyifumana ngalo kuba ungazukwazi ukuyiphatha okanye ungazubuya uyifumane.
- Ukudla ukrokra okwehagu: Ukungoneliseki yinto oyiphiweyo, suke ufun’ ukwazi ukuba ingaba abanye abanikwanga ngaphezu kwakho na okanye inokuba ingakanani apho ibifunyanwa khona.
- Akwaziwa okwatyebis’ ihagu: Kutsho umntu owenze isigqibo sokutya into azakube eqala ukuyitya kwaye enze isigqibo sokuba ayitye nakubeni engaqinisekanga ngobunjani bayo.
- Ukukhatywa yinkawu: Ukulamba.
- Ukulala ngamanzi: Kubikwa ukungabi nayo nenjani into ezakutyiwa ngabantu kwelo khaya.
- Amanzi kanonkala: Amanzi angangxengwanga nganto.
- Ukuhlutha esentwala: Ukuhlutha kakhulu kude kubenzima nokuphefumla.
- Ukususa ubuthi: Ukungcamla into etyiwayo kuqala ukubonakalisa ukuba loo nto ayifakwanga nto igulisayo okanye ityhefu.
- Isisele sombinza: Into esisisulu.
- Izisulu azalekelani: Xa ufumene isisulu kwenye into sukulindela ukuba uyakusifumana nakwenye.
- Ikati ilel’ eziko: Kukho indlala kangangokuba akukho nento ezakuphekwa eziko. Iziko yindawo ekubaswa kuyo endlwini ze kuphekwe ukudla. Xa kungekhonto yakupheka akukho sidingo sakubasa, ngoko ke iziko libande ze ikati ibenako ukulala kulo. Ingalala eziko ke ikati kusukuba kungabaswanga kwaye kungekhonto yakuphekwa.
- Inxele likaKhetsekile: Indlala.
- Ugalel’ esakeni: Umntu ongahluthiyo. Nokuba kuselwa umqombothi, lo mntu usela ngathi akanasisu.
- Ungxowa ayibotshwa: Umntu ongahluthiyo.
Izaci ngokondla nokutya nendlala
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso