- Ungxowankulu: Umntu ofumileyo ngokwemali.
- Unezinto zakhe: Umntu osisityebi.
- Ufumile: Isityebi.
- Ukuthambisa iintungo: Ukwenzela umntu ofumileyo into ngenjongo zokuzuza lukhulu kuye.
- Ukuqasha izitho: Ukungabi nanto. Ukuhlwempuzeka.
- Ume ngomlenze omnye: Usemngciphekweni wokuphulukana nento anayo. Umzekelo: Bekungasekho nto kuyiyo kobo buhlobo babo, kudala ndayiqonda ukuba ume ngomlenz’ omnye uNtwengento.
- Ukuba neentsiba: Ukufuma ngokwasemalini.
- Ukungabi nazintsiba: Ukuhlwempuzeka.
- Ukumila iintsiba: Ukubuya ubenezinto zakho emva kokuxwaleka.
- Ingqwayi-ngqwayi: Umntu onewonga, onikwe igunya lokuphatha kwaye ephatha ngenzondelelo. Umntu ofumileyo.
Izaci ngobunini okanye ukuba nezento
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso