- Ukuphozisa amaseko: Ukulibazisa ixesha ekwenzeni into. Umzekelo: Andifuni nokuphozis’ amaseko kule nyewe kaBalekile, ndiya kuye ngoku, ndifuna athi ephaphama ndibe sendifikile azokuchoph’ ayichaze.
- Umadol’ anzima: Ukungangxami nokuthandabuza ukwamkela okanye ukwenza into. Umzekelo: Ndimadol’ anzima ke ukumnika lento lo mntwana kuba andiqinisekanga nokuba uthunywe nyani nguyise okanye uyazifunela.
- Ukuyibamb’ itshisa: Ukuhoya into ngeli xesha yenzeka ngalo, ungayilindiseli eliny’ ixesha.
- Ukurhuqa iinyawo: Ukucothisisa ukwenza into kangangokuba lingade lidlule ixesha lokuyenza.
- Ukulala neenkuku: Kubhekiswa kumntu olala lakutshona ilanga.
- Ziphakwa zishushu: Iindaba zichazwa ngeli xesha zenzeka ngalo.
- Ukungxenga igazi: Ukungangxami. Ukwehlisa umoya wokukhathazeka.
- Ukufika emva kwesithonga: Ukufika into ebekungayo seyidlule.
- Intuntanja: Yinto etsalayo, ethatha ixesha elide ukwenzeka, njengomlembelele wentetho.
- Ngothulanja: Ezinzulwini zobusuku.
- Ixesha lixhatshwe yinja: Ixesha limkile.
- Xa kumpondo zankomo: Xa kuthi qheke ukusa.
- Bamba amahashe akho: Musa ukungxama de ufumane ithuba lakho lokwenza oko kwenziwayo okanye omelwe kukwenza.
- Xa lithi ndithenge: Kuxa ilanga litshona.
- Xa libantu bahle: Xa ilanga litshona.
- Liya kunina: Xa ilanga litshona.
- Amangomso asa esihogweni (amangomso as’ esihogweni): Ungabokuyibekela ixesha elizayo into onako ukuyenza namhlanje. Awuzazi nokuba uyakuba usaphila na ngomso.
- Ukuyibekela amangomso: Ukubekela ixesha elizayo into onokuyenza namhlanje.
- Ingomso alaziwa mntu: Musa ukuyibekela ixesha elizayo into onokuyenza namhlanje.
- Kuyasa okungaliyo: Luzakufika usuku ebelukade lulindelwe.
- Umhla nezolo: Ngalo lonke ixesha, yonk’ imihla.
- Imfene yakho indala: Ukufika emva kwexesha kuloo nto ibisenziwa. Kubhekiswa kumntu ofika into ebekudityenwe ngayo seyidlule.
- Imfene yakho iphala kade: Ufike emva kwexesha lesiganeko.
- Ilanga lihlab’ umhlaba: Emini enkulu, malunga nentsimbi yeshumi elinambini emini.
- Emin’ emaqanda: Malunga nentsimbi yeshumi elinambini emini. Esi saci sisukela ekubeni malunga neli xesha izikhukhukazi esezibekela amaqanda ziyabekela, uzakuva ngokulilisela kwazo emva kokuba zibekele.
- Atsh’ amadam’ anamanzi: Ligalelekile ixesha ebelikade lilindiwe, lijongwe ngamehl’ abomvu. Kudibana into ebezikade zizondana.
- Amathunz’ anabile: Ixesha limnkile.
- Ukuhlwa kuya kukubutha: Musa ukuyibekela ixesha elizayo into onako ukuyenza namhlanje, hleze uphulukane nayo.
- Kungentsuku zatywala: Kungekudala.
- Ukutshaya isaqhuma: Hoya into ngeli xesha yenzeka ngalo, ungayibekeli ixesha elizayo.
- Ukuthi tshe: Ukubona into ngexesha elifutshane.
- Okungapheliyo kuyahlola: Yonke into inesiphelo sayo. Into engade iphele iyathandabuzisa.
- Mathongo amnandi: Ulale kakuhle. Le ntetho yenziwa ebusuku xa kusohlukwana kusiyiwa kulala.
- Alitshoni lingenandaba: Kusoloko kukho izinto ezintsha ezivelayo mihla le.
- Ese zolo: Ukuphindeka kwento ebikhe yenzeka kwixa elingaphambili.
Izaci ngexesha
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso