Izaci ngenqala nezisongelo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Uyakutyaphaka amehlo: Le ntetho ithethwa ukulumkisa umntu ukuba angajongi into angamelwanga kuyibona. 
  • Uyakuzibona: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo. 
  • Uyakuzibuka esipilini: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo. 
  • Ukumunca iintupha: Ukufunga ukuba loo nto izakwenzeka nokuba iimeko zithini. Ukuzimisela ekwenzeni into nokuba iimeko zithini na. 
  • Ndakuyicel’ ivuthiwe: Ndakuyibona xa iphumelele. 
  • Uyakuhamba ngoyibonayo: Le ntetho ibhekiswa kumntu ongalungisekiyo xa eboniswa koko aphikelele ukufuna ukwenza ngale ndlela afuna ukwenza ngayo. 
  • Awuzukukhotha naphantsi: Awuzukufumana kwanto kuloo nto yabiwayo. 
  • Ukungakhothi naphantsi: Ukungafumani nto kuloo nto inikezelwayo okanye kohlulelwana ngayo. 
  • Nokuba kumnyam’ entla: Nokuba iimeko zithini na. Le ntetho ithethwa ngumntu oqinisekileyo ukuba akukhonto iyakumthintela ekwenzeni loo nto aceba ukuyenza. Umzekelo: Kanti ke ndizakuziphumelela izifundo zam kulo nyaka nokuba kumnyam’ entla. 
  • Lijonge uligqibelise: Ndizakukubulala. 
  • Ndiyakubonis’ amaqhekez’ engqele: Ndiyakumenza ahlawule ngesenzo sakhe esibi andenze sona. 
  • Uyakuvuna into oyilimileyo: Uyakuzuza iziqhamo zento oyenzayo, nokuba ziziphumo ezihle okanye ezimbi. 
  • Kwakusa kuhanjwa: Asizukuyeka ukuyilandelela singaziphindezelanga.

Leave a Reply