Izaci ngamashwa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Ukudlela umthi: Ukwenzela umntu into ube ungamilisanga ngqondo ekuyenzeni, ze uqabuke sewuyenzile. Umzekelo: Inene ukudlele umthi uSokolisa xa unokumenzela imfesane enje ekubeni ubusandul’ ukubalisa ukuba ukwenzele iyelenqe. 
  • Ukuba sisisila: Ukuba namashwa. 
  • Ukothuka sekophulwe: Ukuqabuka into seyisenzeka ungasiqaphelanga isiqalo sayo okanye ukuqhubeka kwayo. 
  • Ishwa lishwabene: Wambethwe ngamashwa. 
  • Unesimnyama: Umntu olibalekayo ukubandakanywa okanye ukuhlinzekwa. 
  • Ukuba nemasi: Ukulibaleka ukubandakanywa okanye ukuhlinzekwa. 
  • Usuzelwe liqaqa: Umntu obukulwayo ngabanye kungekho sizathu sibambekayo sokwenza oko.

Leave a Reply