Izaci ngamakhaya okanye imizi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
  • Induku ayinamzi: Ukuhlukumeza nokudlakathelisa abasetyhini akuwakhi umzi.
  • Indlu yegagu iyanetha: Umntu othanda ukugxeka abany’ abantu abone neziphene ekwenzeni kwabo abe exakwe zezakhe angazithethiyo. 
  • Ukuphuma ngendlu: Abantu abaninzi abazimase umcimbi othile.
  • Kubeth’ umoya: Akukho mntu kuloo mzi uye kuwo, Umzekelo: Bendisathi ndityelela umhlobo wam, koko ndifike kubeth’ umoya kowabo.
  • Kukhal’ ibhungane: Ufike kungekho mntu kuloo mzi.

Leave a Reply