Amaqhalo ngobudenge
Umzekelo: Ukurhida kukuqaba ngodaka. Mandulo phaya bekukhiwa umhlaba othile ozakwenziwa udaka elizakuqatywa apha emgangathweni wendlu njengokuba ngoku kusetyenziswa isamente nje. Oko kusinda ngodaka kuthiwa kukurhida.
Umzekelo: Ukurhida kukuqaba ngodaka. Mandulo phaya bekukhiwa umhlaba othile ozakwenziwa udaka elizakuqatywa apha emgangathweni wendlu njengokuba ngoku kusetyenziswa isamente nje. Oko kusinda ngodaka kuthiwa kukurhida.
Umzekelo. Njani ukuba uthi mandincede uZinto kule ngxaki yakhe ekubeni ebehlekisa ngam izol’ oku ndinale ngxaki anayo namhlanje. Kwehla ngamqal’ amnye kaloku, naye makazisombululele njengoko nam ndenzile. Umzekelo. Endaweni yokuvelana naye wasuka watyikila ityuwa enxebeni emsola ngoko kwenzekileyo.
Umzekelo. Angade avimbe nomhambi lo nokuba liqhekezana sibe isisu somhambi singesingakanani singaphambili, ngemva ngumhlonzo.
Umzekelo. Ndiyazosula ezam izandla ukukubonisa ukuba esi similo sakho asamnkelekanga. Kodwa hlala usazi ukuba ilizwi lomzali alityiwa nja njengokuba ucing’ ukuba ungoyena mntu lumnke ngaphezu kwabo bonke abantu aph’emhlabeni. Umzekelo. Ndihle ndayiqonda mfowam ukuba ungunyana kaQavile, ndibone ngendlela le uwuphethe ngayo lo mcimbi. Kambe amankonyana afana nonina. Inkonyana lithole.
Umzekelo. Uyakuthini uZikali ukuba lo nyana wakhe akaphumelelanga emagqabini njengokuba edlisela ngaloo nto nje? Kanti ke igugu lingabalikhulu umbombo uyaqhosha. Umzekelo. Hayi ulijijile eli rhewu, lithi ndisele. Inene ungavimb’ ixhewukazi lisifa lungcume. Umzekelo. Kanti ndifun’ukuya ngokwam kule mbizo yenkosi, ndingeva ngokuxelelwa ukuba bekusithiwa, kaloku indab’ otyelo ayikholi bafondini. Umzekelo. Ndiyaxolisa ukuthetha nawe ngolu hlobo mkhuluwa, …
Umzekelo. Ndimgqibele izolo, kodwa kuthiwa ulele ngandletyananye ngenxa yomkhuhlane. Seyivuswa ngemivalo: Ngumntu ongasakwazi kuzenzela nto ngenxa yempilo enkenenkene. Xa inkomo ibuthisa bekukhiwa imivalo, iipali, zakhelwe apha emacaleni nangaphambili nangemva ze ixhaswe phambi kwemilenze nasemva kwemikhono ukuze ingalali. Ibisondliwa ke iphathelwe namanzi okusela de ibengcono ukuba ayithanga ife.