Amaqhalo neZaci
Amaqhalo ngobuhlobo
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Uyakuphumelela ngonoquku kule nto azimisele ukuyenza yedwa, kaloku indoda imba kwenye eqolo.
Amaqhalo ngengozi
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Oonkabi bebeba babhungcile kanti ityala lisaqhuba ntonje bekusaphandwa. Bebengazi ukuba nox’inyoka ifile nje ithambo layo liyahlaba. Ngoku bothuswa kukufikelwa yimisila ebagunyazisa ukuba bavele kwinkundla yamatyala.
Amaqhalo ngokwahluleka okanye ukungaphumeleli
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Bekutheni ze nihambe noMavundle xa nisiya kuzingela kuba intloko yakhe ilukhuni beningekhe nibambise.
Amaqhalo ngezinto ezingasoze zenzeke
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Ilanga lingacholwa zintaka ukuba angaphinda afumane uncedo lwam emva kokuba ehlazise ngam ndakugqiba ukumnceda.
Amaqhalo ngokucinga
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umzekelo. Ndicela ungandiphazamisi, ndisaty’ amathamb’ engqondo, ndicinga ngamalungiselelo ale nto yaba bantwana.