Amaqhalo ngokukhulisa abantwana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Umzekelo. Ndiyazosula ezam izandla ukukubonisa ukuba esi similo sakho asamnkelekanga. Kodwa hlala usazi ukuba ilizwi lomzali alityiwa nja njengokuba ucing’ ukuba ungoyena mntu lumnke ngaphezu kwabo bonke abantu aph’emhlabeni. Umzekelo. Ndihle ndayiqonda mfowam ukuba ungunyana kaQavile, ndibone ngendlela le uwuphethe ngayo lo mcimbi. Kambe amankonyana afana nonina. Inkonyana lithole.

Amaqhalo ngomtshato

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Umzekelo: Hayi wethu ntombi lingade libe alikhangeleki isoka likaDudelwa, kodwa uyazodlula zonke iintanga zakhe ngokwakha umzi wakhe. Kakade ubuhle bendoda zinkomo. Ukufuna ukubona into ukuze wenze isigqibo sokuba uyayidinga na okanye awuyidingi. Umzekelo: Andinako ukutsho ukuba ndiyayithenga okanye andiyithengi ndingayibonanga le moto undithengisela yona. Kaloku ikhuba lithengwa ngokubonwa. Umzekelo: Ikhaya lisithume ukuba sinazise ukuba umfana …

Funda okunye