- Inkomo enotshobo ayinqandwa: Umntu ongeva ziyalo uyayekwa avune iziqhamo zezenzo zakhe. Utshobo sisifo senkomo esiyenza ukuba iphambane kangangokuba ingonzakalisa nantoni na ekufutshane nayo. Ukuba ngumntu iyamsukela ithi apho imfumene khona imhlabe, athi nokuba selewile imxangxathe kangangokuba ingade imbulale.
- Idada lingen’ emanzini liphume lomile: Umntu ongeva ziyalo nakucetyiswa. Umntu ongafundisekiyo.
- Ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu: Musa ukungeva xa ulunyukiswa entweni ngoba basenokungabikho abantu abazakukulumnkisa kwixa elizayo. Mamela iziyalo ezakhayo hleze ugaxeleke engxakini ngenxa yokungaphulaphuli. Thatha ingcebiso ezakhayo ngoba usenokuswela umntu okucebisayo kwixa elizayo.
- Ungenwe libhungane engqondweni, Ukungaphulaphuli xa unqandwa entweni.
Amaqhalo ngenkani
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso