- Ukwanda kwaliwa ngumthakathi: Ndiyabulela ngento ondenzele yona.
- Ndiya kukubambela intaka ekushiyayo: Ndiyakukunceda kwinto ongenakuzinceda kuyo. Le ntetho itshiwo ngumntu obulela uncedo omenzele lona, ethembisa ukuba naye uyakukunceda kwixa elizayo.
- Ungayilibali intak’ obusi: Sukulibala ukubulela abantu abakwenze waphucuka okanye abenze ubomi bakho babangcono kunoko bekunjalo ngaphambili. Intak’ obusi kaloku yiyo enceda abaphakuli beenyosi ngokuthi ibakhokelele kuloo ndawo zifumaneka kuyo iinyosi, phofu ikukhokelela apho nje nayo ikwancwase ukushiyelwa nokuba liqhekeza le slayi sobusi. Xa umphakuli sel’ egqibile kuphakula kumelwe ashiye elo qhekeza ukuze intak’ obusi nayo ixhamle. Ukuba awulishiyanga elo qhekeza loo nto iyakuthetha ukuba awunambulelo.
- Amaqobokazana akalali endleleni, angenjenjalo yazini alahlekile: Le yintetho eyenziwa ukuncoma nokukhuthaza abantu abenze msebenzi othile bawugqiba ngethuba. Ukubulela abantu abakuncedise ekwenzeni iphulo ze bawufeza loo msebenzi ngethuba nangaphambi kwethuba obulibekile. Amaqobokazana ngabantu abakhutheleyo, eli gama lisetyenziswa kubantu basetyhini kuphela.
Umzekelo. Ndiyalubulela uncedo lwenu, amaqobokazana angalal’ endleleni yazini alahlekile.