- Isisu esihluthiyo asiyazi ukuba indlala yinto ekhoyo: Umntu onezinto akazikhathaleli izidingo zabantu abasweleyo.
- Uyakuyibona into endibhinqe ngayo: Ndiyakumlungisa njengoba endikhathaza nje.
- Uyakuzibondela ngokwakho umqa wakho: Uyakuzikhupha ngokwakho kule ngxaki ufuna ukuzifaka kuyo. Le ntetho sisilumnkiso kumntu ofuna ukwenza into ezakumfaka engxakini eyibona.
- Imiphanda ibulawa ngabamelwane: Umntu wonzakaliswa ngabo bakufutshane naye.
- Ukukhetha imfe emfabeni: Ukucalula.
- Ukubetha ngemf’ iphindiwe: Ukukhohlisa okanye ukukhohliswa
Umzekelo. Ukhe wasihlawula phi na uMaqhetseba njengoba esibetha ngemf’ iphindiwe nje eman’ esithi ngomso, ngomso. Uyakude ufike nini lo ngomso wakhe.
- Ukohlutha inqatha emlonyeni: Ukubandeza umntu impumelelo sel’esecicini lokufikelela kuyo.
- Inkomo ihlinzwa calanye: Ukuba nomkhethe. Abanye abantu baphathwa kakuhle ekubeni abanye bengakhathalelwanga.
- Isimilo sentombi sibonwa ehagwini: Akakho ntweni umntu ongabathandiyo abanye abantu.
- Ihodi lomba umngxuma lingawuhlali: Kubhekiswa kumntu owenzela abanye abantu amayelenqe abe engazukuzuza nto ngokwenza oko. Ihodi yihagu yasendle.
- Ing’ iyakhotha kanti iyaxathula: Ukwenza ngathi uluncedo emntwini kanti ujonge inzuzo ngokumqhatha.
- Yingcuka eyambethe ufele lwegusha: Umntu owenza ngathi uyanceda kanti ujonge ukwenza okubi.
- Igazi liyajiya kunamanzi: Ukuba nemfesane kumntu ozalana naye ngaphezu komntu omazi njee.
- Okwengcungcu zona zimilomo mide: Into ebekelwe abantu abathile, engenakufunyanwa nangubanin. Ingcungcu yintaka encinanana, malunga nomlinge wencede. Inomlomo omde obutsolwana phaya phambili. Ingcungcu imfimfitha intyatyambo zemvomvo. Nayo intyatyambo yemvomvo inde naxa ingaphantsana kumlomo wengcungcu. Ngumlomo wengcungcu kuphela onokufikelela kumazantsi ale ntyatyambo ngaphakathi.