Amaqhalo ngokugula

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Umzekelo. Ndimgqibele izolo, kodwa kuthiwa ulele ngandletyananye ngenxa yomkhuhlane. Seyivuswa ngemivalo: Ngumntu ongasakwazi kuzenzela nto ngenxa yempilo enkenenkene. Xa inkomo ibuthisa bekukhiwa imivalo, iipali, zakhelwe apha emacaleni nangaphambili nangemva ze ixhaswe phambi kwemilenze nasemva kwemikhono ukuze ingalali. Ibisondliwa ke iphathelwe namanzi okusela de ibengcono ukuba ayithanga ife.